Ukuvuka Kwam Ekufeni. Thembelani Ngenelwa

Чтение книги онлайн.

Читать онлайн книгу Ukuvuka Kwam Ekufeni - Thembelani Ngenelwa страница 3

Ukuvuka Kwam Ekufeni - Thembelani Ngenelwa

Скачать книгу

ke owayengaziwa leli qela, kodwa ke noko bazama ukundenza ndizive ndamkelekile phakathi kwabo. Yayiliqina lendoda nowakwayo, ityendyana elikule ntanga yam, idyongwana kwakunye nentokazi endicinga ukuba yayilapha kwiminyaka engamashumi amathathu. Ndakhetha ukuhlala ngasefestileni ukuze ndibone iindawo, ndifumane nempepho epholileyo.

      Ndandizithengele iincwadi ezimbini kwaseBellville ndilungiselela olu hambo lude kangakanana. Kaloku uloliwe uthatha iiyure ezimashumi amabini anesixhenxe ukuya kufika eGoli. Ubukho beli qela apha kwikhompathimenti bandenza ndaphelelwa ngamaxhala esithukuthezi. Aba bantu yayingabantu abonwabisayo. Ndathi ndakubona ukuba banobubele kwaye bazimisele ukuncokola nam, ndavala incwadi nam, ndangenelela encokweni. Babesuka kutyelela izihlobo zabo eKapa ngoko ke ngoku babejongise imibombo ePitoli, apho babehlala khona.

      Indlela le yona yayinde kwaye iwuduba umzimba, kodwa saqala ukuzonwabisa ngokucula iingoma zecawa. Nangona ndandonwabile apho kodwa kwakungathi andisafiki eRhawutini kangangokuba ndandihlala ndisemnxebeni ndixelela amajita ngezasendleleni, ndiwakhumbuza ukuba ndiyeza. Lwalusiya lunyuka uchulumanco kwisitishi ngasinye esasifika kuso kuba ndandisazi ukuba ndiyasondela eGoli. Kuthe ngengakusa xa kurhwaqela iqabaka ndabona ukuba noko ngoku izitishi ziya zisondelelana, nto leyo yayibonakalisa ukuba sasisele sisondele kwaNdongaziyaduma. Kwathi xa kusondela imin’emaqanda ndakroba ngefestile ndabubona ubuhle besikhululo saseRandfontein. Ndaqala apho ke ukugcoba kuba kaloku ndandisazi ukuba kungekudala ndiya kube sendiseRhawutini, ePakstishi!

      Hayi ke emva koko ndiye ndabona iindawo eziqhelekileyo, ndandingayiqali ncam kaloku le ndlela, njengoko sendikhe ndatsho ngaphambili. Ndaqala ndabona izakhiwo ezingookrec’izulu phambili phaya. “Jo’burg, sendifikile”, ndaziva ndisitsho ngaphakathi, nditsho ngolukaBhlankethi lona uncumo ngoku.

      Kuthe xa kubetha eyesibini intsimbi emva kwemini, wangena uloliwe obizwa njengeShosholoza Meyl kwisikhululo esikhulu, iPakstishi. Yayisisiphithiphithi, abantu bebaninzi njengakuqala, futhi bonke babekhangeleka bonwabile, wonk’ubani exhel’eXhukwane. Ilanga lalishushu kamnandi; ubuhle bentwasahlobo. Ndathi ndakukhupha intloko ngefestile ndayiva impepho yakusasa ephunga limnandi indibetha kuhle ebusweni ngathi ithi iyandamkela. Sesifikile.

      Emva kokuma nokothula iimpahla zabantu, uloliwe wanduluka kwakhona wasingisa ngaseGermiston ekwiMpuma Randi.

      Ukufika kukaloliwe eGermiston, ndakroba ngefestile, ndifuna ukubona abantu ababeze kundindikhawulela. Ukhumbule ke mfundi ukuba ukugqibela kwam ukuza kula macala ndandihlala emkhukhwini eFive. Ukumka kwabo apho ke abafana baye bafudukela eziflethini edolophini eGermiston, ngoko ke kwakufuneka kubekho umntu ondikhawulelayo andibonise le ndawo intsha. Ndisakrobile njalo, ndeva ilizwi endiliqhelileyo lindikhwaza. YayinguZolisa, omnye wabahlobo bam baseGermiston. Ndahle ndaphawula ukuba noko urheme lo wayesele exandile ngokwasesiqwini, kodwa ngaphandle koko wayesengulaa Zolisa ndimaziyo onempandla – wena wakha walibona ibala legalufa. Wayesele eqabele kumashumi amathathu kodwa ubungafunga ukuba uselapha kumashumi amabini ngangendlela le wayedlamke ngayo. Wayephahlwe ngabafana ababini endandingabazi, kodwa mva ndaye ndafumanisa ukuba ngabahlobo bakaKhaya awayendixelele ngabo. Owokuqala wayeyingqungqumbana emfutshane, endlebe zitsolo namehlo amakhulu. Le ndoda noxa nje yayingenasiqu, yayikhangeleka yomelele kakhulu. Igama layo kwathi kanti nguBongani; ekule ntanga yam. Wayebukhanya ngebala. Omnye umfana lo ebemkhulwana kunoBongani lo, kodwa ecaca ukuba noko useyidyongwana. Ndiyabona ukuba ebekule ntanga isandul’ukubuy’esuthwini. Igama leli krwala ke yayinguDumisa.

      Njengokuba sihamba sonke ukusuka esitishini sasele siman’ukuqhulana njengabahlobo abadala, ndibakhuza ukutyeba. Ubungafunga ukuba kudala sisazana. Kwahle kwacaca ukuba kuhlangene izinto ezizimbo zifanayo. Kaloku kuyabonakala ukuba uKhaya wabaxelela konke ngam, de wababonisa nemifanekiso yam ngeentsuku sasiseseKapa kunye. Ezi nqeberhu zazizazi zonke izimbo zam. Babendibuza ngobom basesantini, kuba kaloku bonke babengazanga balibona iKapa ngaphandle kokulibona kumabonakude. Hayi ke, ndabaqhayisela kanobom ngentaba, ulwandle kwakunye nobuhle bentlalo yaseKapa. Owu! Ndandimana ndisithi chatha netyuwana ke, mfundi!

      Ndaboniswa isakhiwo esikhulu esimbala upinki, apho ooKhaya babesele behlala khona. Le ndawo kuthiwa yiPirrowville. Yayisisakhiwo esihle kakhulu yaye indlu kaKhaya yayikumgangatho osezantsi. Kulapho ndiqale khona ukuthelekisa umahluko phakathi kwasemkhukhwini waseFive naseflethini. Ndandithabatheke kakhulu yile ndawo intsha, ndisazi kananjalo ukuba nobomi balapha soze bufane nobo ndandisele ndibuthanda basemkhukhwini waseFive.

      Kwathi ke ukufika kukaKhaya emalanga, ndaphawula ukuba hayi le ndedeba yayisengulaa Khaya ndimaziyo. Wayelingana nam ngesithomo, entsundwana ngebala, kwaye engumntu othanda ukuhleka. Wayenelizwana elincinci, ethanda ukuhleka kakhulu qho xa ndizama ukujuxuza – wayehlala esithi ndilelona qhitala apha ekujuxuzeni kwaye ke mfundi wayengekudanga ncam nenyaniso. Kodwa ke, mfundi, njengoko ubonile apha ngaphandle noko ndandijongeka ngcono kunaye.

      UKhaya wayehlala noZolisa kwakunye noBongani apha eflethini yakhe, ukanti umninawa wakhe uKhanyisa wayekhona naye ezokuchithela iiholide zentwasahlobo kuye. Emva kokuba abanye beye kulala mna noKhaya sahlala kwade kwaqhekeka intsasa sincokola ngazo zonke ezaseKapa, kwanaye endincokolela ngezintsha zeleendunduma.

      Usuku olulandelayo kwakungoMgqibelo yaye kwakungekho namnye ophangelayo ngoko ke saya edolophini sindwendwela iivenkile ezinkulu. Saya nasemidudweni, kwaba mnandi kangangokuba ndakhe ndalibala ngeKapa okomzuzwana.

      Kwakumnandi yonke iveki yam yokuqala eRhawutini sihleka sonwabile nabahlobo bam, kodwa naxa kwakumnandi andizange nangemini enye ndisilibale isizathu esasindibeke kweli phondo. Ndandisakuthenga itikiti likaloliwe imihla ngemihla ndisihla ndinyuka ndikhangela umsebenzi kumaziko engqesho, ndishiya iinkcukacha zam, icv, kwiinkampani ngeenkampani. Ndandiyazi ukuba kufuneka ndifumane umsebenzi nokuba sekumnyam’entla. Usuku nosuku lwalusiza nolwawo umceli-mngeni kweli cala lengqesho, kodwa ke ndandizixelele ukuba ndandiza kunyamezela de ndivuzwe, kaloku elamanyange lithi umzingisi akanashwa. Ndandizimisele ukuzama ngako konke okusemandleni ukuba ndiwufumane umsebenzi, ndibuyele eKapa ndiphethe iindaba ezimnandi ezaziya kulonwabisa usapho lwasekhaya. Ndandonwabile ke eGermiston, ndingenaxhala lakuvuka ngonyezi ndisiya empangelweni, ndiziva ke noko ndisekhefini.

      3. Imin’enzima

      Imin’enzima

      Kukho iimini ezimangalisayo, xa uye uvuke uziva uvuselelekile, ugcobile kodwa isizathu ungasazi. Ngale mini ke, umhla wokuqala kweyeDwarha, u-Oktobha 2003, ndavuka ndiziva ngolo hlobo.

      Kwathi malunga necala emva kwentsimbi yesibhozo ndavuka ebhedini ndaxhuma, ndazilungiselela imini emnandi. Abahlobo bam babesele behambile ukuya ngasetorhweni, ngaphandle nje kukaBongani kwakunye noKhanyisa, isithi sobathathu eflethini. Kwabe kuthe nzwii kungekho kwangxolo kuba aba bafana babesalele – amathongorha amakhulu.

      Ndathi ukuthi cakatha phandle ndaliva ilanga laseRhawutini. Kwakusekusasa ngoko ke kwakusabetha impepho endaye ndayibizela ngaphakathi, ndizixelela kananjalo ukuba le yimini yam, ikhona into endiphathele yona. Ndawaphakamisela phezulu esibhakabhakeni amehlo am ndibuka indalo. Isibhakabhaka sasicwengile kucaca ukuba imozulu iza kuba ntle, gqwidi nje ngelifana elincinane elimnyama elasuka laphoxisa oku kwephela emasini. Eli lifu laliqalisa ukuba likhulwana, ngaloo ndlela lidunga imini eyayithembisa ukuba ntle. Ngokwenkolo yakwaNtu ke ilifu elimnyama lingumfuziselo wokufa, kodwa ke kwalapha kwaNtu kuyaziwa ukuba ilifu liluphawu lokuza kwemvula, yona ke imvula le ibe ngumfuziselo wobom obutsha. Andizange ndazi ukuba mandiyitolike njani into ethethwa leli lifu. Ngenxa yoku kubethana kwezimvo zam, ndagqiba ekubeni ndahlukane nokuhlola izulu likaThixo, ndingene endlwini.

      Kaloku mfundi ngezolo ndandikhe ndatsalela abazali umnxeba ukubazisa ukuba ndisatsibe eGoli okweentsukwana. Izizathu zam zokuba seJozi babezazi yaye bengenaxhala kuba babeyazi ukuba ndinabahlobo eJozi. Ngumama kanye owaphakamisa umnxeba kwelinye icala. Kaloku le ndlezana iye ivuye kakhulu xa isiva ilizwi lam emnxebeni, kodwa ngale imini zange avakale onwabile konke konke, nangona waye wazama ukuzifihla apha kum. Enyanisweni wayevakala enxunguphele kanobom.

      “Sisi, uvakala unxunguphele, uhlutshwa yintoni Bhlangwe?” ndabuza ndatsho. Ndiyayazi mfundi

Скачать книгу